Rest In Peace Zintle Zanqo Hlazo - Kwanda Matiwane 💔
Автор: KwandaMatiwaneVEVO
Загружено: 2020-11-09
Просмотров: 225
Bendinga ndingathatha amazwi kuletyesi ingapha ngomkhusane ndithombe ngawo.
Ndithombele Okuhle endibe yiRoma evuthiweyo ndibonakala ndikulungele uma phambi kwehlabathi ngebhongo ndithi ndizalwe ngokuno kuTsha.
Esizikithin phakathi kwetshungu, izangcethe nekhala - ndibe sesotyalo, ngembhambo sithom'amagqab'matsha.
Ndithwase nehlobo, qelele kunesihogo, kuba izinto ezindala nenyembezi zedlule ukosulwa - ndibe yiSabatha.
Ndohluke kweziny'imini, njenga lemini yokthobha ndixakath'incebetha, gxebe ngalemini yomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga ka yethoba.
NdiyileNtyantyambo amagqabi am awayo yimbewu ehlumayo, kwisizukulwane esizayo.
Kumasebe ndizala isiqhamo-magqabi ndizaliswe bubom.
Nqwa ne mustade imbewu yam ayibonakali ngobonwa, kodwa ingcambu zam zimil'uxhathisa ukungaziki..
Ndinjeng ankile ebotshwe kwiinqanawe izityalo ezibonakala ungazinzi.
Ndisiqhamo sesizwe.
Xa kuthwa "ilizwe liyontambazana", ingcambu yesosaci ndim 7Bvar.
Intsobi yobuhle ndizaliswe yicind' yentshongo.
Ndiphuma emsini.
Xa kuthwa kungaqhuma kubasiwe, kubaswe umlilo opheka imotolo yegolide.. Ndilelo dini
Ndiyintyantyambo, ndiqolwe ngameva ukundikhusela.
Ndisingathwe ngumhlaba ukundifunqula, ndingqongwe zizambiwa ububhanyabhanya.
Ukukhanya
Ndiyimitha yelanga, ukuvuka kwam kunika ubom kum.
Xa ndiqalis'ubuna
Ndiphakanyiswa yinkcasa yamanzi, ndibuye sendin'amandla kunakqala.
Andilohlwempu.
Ungarhanel' ngorhano, ukundigweba - ngemihlisela.
Nange vumba ukundijoja, ndinuk'ubulongwe ukusinda.
Ndilixhoba...
Isandi sam sesikhalo liculo elimandi kumaxhalanga, njengoko into imandi iphindwa.
Kwinkcukhacha manani ndiya ndisanda ukubulawa, ndlwengulwa nobukohoboka - ukuthiywa.
Ndisolwa ngobugqi.
Ndingekaphenduli ndibelidini lika Abel
Доступные форматы для скачивания:
Скачать видео mp4
-
Информация по загрузке: