Kwanda Matiwane - Ileta Yesicelo (Asenathi Matwa II) Xhosa Love Poem
Автор: KwandaMatiwaneVEVO
Загружено: 2020-05-19
Просмотров: 1020
ILETA YESICELO ENDIYIBHALELA YENA
Sele likwi Mpondo zankomo, liyoncanca kunina umsobomvu lingqina - ndiyimfene ebamb'iliwa - Andiphendulwanga.
Ukuba bendino- bendinonyanzelisa iingcinga zam ngemilingo zithungelane nezakho - ibe licamagu kwiminyanya elingqineka kude kube semaphakadeni - Makubenjalo.
Ntonje amazwi endawathuma ekwisimo sesihobe avakala njengomculo - ebonakala nje ngamafu - ukuwaqonda yinyaniso- ukuwachatha - uwaphendula ngunotshe.
Ndicel'undigcine ekhwapheni.
Ungandiniki themba lothando, mpawu'zondithanda - thand'uthambo kwakho lomqhagi ncasa yoqobo - into yothanda mna mayiphelel' ephuphen.
Hayi undifulathel, kodwa uthathe isicelo sam saTanci njenge Gangqongqo undiva-ngondiva ovakala kwiintsomi -
Entliziyweni..
Ungandibeki kude, ndingabi kufuphi.
Sibeke imigqaliselo-imimiselo kwenzele ndingakuhluphi.
ASENATHI.
Wokhala - Igxalaba likhona lothoba amaxhala.
Kodwa ndonqaba, uzungandikhumbuli undibeke kwelolibala.
Kuba mna ke, ndizibona kungafanelekanga..
ndibe kubukho benzwakazi ikwisihombo sendalo - ukunqaba.
Ukucikideka - ikhwezi libulisa ngokhanya..
IBALA.
Elimhlophe - neeLinen zika Ahaweserosi.
UKUNGAZIBONI
ndisecaleni kwakho Vashiti gxebe Estere WamaGcina.
Lena yileta Yesicelo.
Impendulo Kwisicelo, ileta yesiphelo.
ISulfure kwidangatya - umkhence kwingqele..
Ungandiva kakubi.
Xa ndiphambukela Entliziyweni njenge ngcibi istena-isamente.. Undixhaye ungavumi.
Kuba ndingulo uthi xa uphekwa sisingqala - usikhupha isikhalo ngomlomo - imilebe ndiyithume iyovingca esosithuba ngokungxama...
Uzungandifaki engqodwen.
Wonxanwa ziziyolo ufuna ukhanuka undibeke emfanekisweni - undimeme njengandwendwe. Noxa kunjalo ungandifaki ntliziyweni - ngcingeni-nakwiimvakalelo.
Ndingagangi.
Nje njalo xa ndithembisa-ukucenga ngowela iziko - njangaThole undifak'isichele ndingancanci.
ASENATHI
Kule leta yomba osisicelo - ohamba ngenqwelo yesihobe - ngokuloleka iqhutywa likrele lezafobe.
Impendulo yakho may ingabi yiPerile onye iRubhi (ubuwena) - ungatshiveli ukuyibuyisa.
Ndicela ubuhlobo obunondonwabisa.
Kude kunohambisana - ubulumko obunondixhobisa.
Ngobom.
Ungagqwetheki ngentsingiselo, lena yingcambu yemfuziselo kula mbongo....
endawubhala ngebhongo, wahamba ngesantya sophazama kweliso.
Waba ngundaba mlonyeni, umqhawukisi wobudlelwana ku- kwaba ndandincumisana nabo.
Ko ndinqanda mathe, sisikrokro.
Kuba u "Ndicel'undikhuph'ekhwaphen", sisithunzela-isiphorho sokwenzelwa idini ngengcaciso yempundulo.
Ileta yesicelo
Ileta yesikhululo.
Inkululeko kwidyokhwe ebotshwe ngamatyathanga - nakwintshutshiso yentandabuzo..
Kwindawo endikuyo mandiyamkele, ungazibuzi mibuzo.
Qelele kurhano.
Ayombathiswanga ivele yonke - ze.
Lena yileta yesicelo
Ileta endibhalele yena,
kuba indebe yobuhlobo ayichitheki ngochithwa.
Ayiwi ngowiswa
Yileta yotyhilwa.
Uyivula.
Lena yileta yesiphelo
📑KWANDA MATIWANE
#Kwanda Matiwane #XhosaPoem
/ kay2wofresh
/ kay2wofresh
/ kay2wofresh
/ kwandamatiwanepoems
.
#Umbongo
(Iyaqhubekeka- iyeza neDVD yayo sizoyifaka apha kuFacebook)
Subscribe to YouTube / @kwandamatiwanevevo
Also
/ kay2wofresh
/ kay2wofresh
/ kay2wofresh
/ kwandamatiwanepoems
Доступные форматы для скачивания:
Скачать видео mp4
-
Информация по загрузке: